Original Articles

Reinforcement and activation of metaphor in discourse

DOI: 10.1080/10118063.1997.9724113
Author(s): Arran StibbeDepartment of Linguistics and English Language, Republic of South Africa,
Keywords: ,

Abstract

Eli phepha liqala ngokuqwalasela lichaza izimvo zanamhlanje zesikwekwo ngokukaLakoff noJohnson, ezichazwe ngoku-tsha nguLakoff. Olu luvo lusekelwe ekubeni isikwekwo siqhagamshela indawo ezithile engqondweni yomntu. Noxa ku-njalo olu qhagamshelo lomqondo luziintlobo—ntlobo, olu luvo lukaLakoff noJohnson luyaphanza ukubonisa ngokuthe gca indlela olwenzeka ngayo uqhagamshelweno engqondweni yomntu kanye ngexa kuthethwa naxa ubani emamele. Uluvo lumbi lubonisa ukuba isikwekwo siqhagamshela ngoko nangoko ze sidale umfanekiso-ngqondweni ngexa ubani amame-leyo, kanti olu qhagamshelwano lukwazenzekela xa ubani ecinga. Izinga loqhagamshelwano engqondweni olwenziwa kukusetyenziswa kwesikwekwo lubizwa ngokuba kukuhlaziywa kwesikwekwo, zininzi kananjalo iindidi zamagalelo athi adibane ukuqinisa okanye ukunciphisa amandla esikwekwo. Elokugqiba, eli phepha lichaza ukusetyenziswa kolu luvo oseluchaziwe ngentla ukubonisa indlela isikwekwo esisebenza ngayo.

Get new issue alerts for South African Journal of Linguistics