Research Articles
Intlonipho izala uzinzo: Ukusetyenziswa kolwimi lokuhlonipha kwintlalo nenkcubeko yamaXhosa
DOI:
10.2989/16073614.2025.2523797
Author(s):
Mlamli Diko University of South Africa (UNISA), ,
Abstract
Kwintlalo yamaXhosa, ulwimi lokuhlonipha ngumba owondele nzulu kumasiko, izithethe neendlela zokuziphatha njengenxalenye yenkcubeko yesizwe somgquba. Ubukhulu becala, ulwimi lokuhlonipha alutyhilwa ngamazwi entetho kuphela, koko lukwatyhilwa nangezenzo, izijekulo neendlela zokuziphatha. Konke oku kwenziwa egameni lokuhlonipha kwintlalo kaNtu. Ngeso sizathu, oku kubhentsisa imbono ethi zimbini iindlela zokuqhuba unxibelelwano ngokungqamene nolwimi lokuhlonipha kwaXhosa: lunxibelelwano ngomlomo kunye nonxibelelwano ngamalungu omzimba nezenzo. Ngoko ke, eli nqaku lijolise ekuxavatheni, ngendlela ecubungulayo, ulwimi lokuhlonipha kwintlalo nenkcubeko yamaXhosa. Inqaku eli lixhathise ngolwimi lokuhlonipha oluthethwa ngomlomo, olwezenzo nolwamalungu omzimba. Isizathu sokwenza olu phandonzulu kukuba kukho ingcinga ephosayo, neyalatha ukuba ulwimi lokuhlonipha kwisiXhosa londele kumagama, amabinzana nezivakalisi kuphela. Ukuqhuba iingxoxo zeli nqaku, kuza kusinyelelwa ngemiba emine ekhankanywe phantsi kwesondlalelo nentshayelelo. Indlela exoxayo nezathuzayo isetyenziswa njengendlela yokuqhuba uphandonzulu. Inkcazobungcali yenkcubekontlalo yona ibhentsisa ukuphefumlelana kwezenzo zentlalo nenkcubeko, ezithi zikhokele kwindlela ulwimi lokuhlonipha oluqondwa ngayo ngamaXhosa nezinye iintlanga zesizwe somthonyama. Kubuthumbu beengxoxo, kuvela ngakumbi nangakumbi ukuba ulwimi lwesiXhosa lungxabalazile. Oko kukuthi, asilolwimi lokunxibelelana nje kuphela, koko lulwimi olondele kwinkcubeko yabaNtsundu. Kwelokuqukumbela, kugxininiswa isidingo sokuphanda nzulu ngolwimi lwesiXhosa, ukuphanda nzulu okunganeli ekubeni kuqwalaselwe ulwimi lwesiXhosa kwinqanaba lomphezulu, koko oluthi lunzule ukuze kuvele into ngobunto bayo.
Get new issue alerts for Southern African Linguistics and Applied Language Studies